Indima yeeNdlela zokuCinga ngoLwimi, neNdlela olusetyenziswa ngayo kuGuqulelo oluya kwisiXhosa kwiSixekokazi seKapa neendawo ezisingqongileyo

dc.contributor.authorNtwana, Thenjiswa
dc.contributor.supervisorKaschula, R.H.
dc.date.accessioned2024-10-28T11:36:04Z
dc.date.available2024-10-28T11:36:04Z
dc.date.issued2023
dc.description.abstractNjengenxalenye yoko kubhalwa kokusingqongileyo, iibhodisalathisi zidlala indima ebalulekileyo ekudluliseni ulwazi okanye ekukhumbuzeni abo bazifundayo ngezinto eziyimfuneko. Ukusukela ngowe-1994 uMzantsi Afrika uthathe igxathu elibonakalayo ukungciba iintanda zexesha langaphambili. Iilwimi zabaNtsundu ezazingaselwe so ngaphambili, kuye kwafuneka ukuba zithathelwe ingqalelo njengezibalulekileyo nazo, zinikwe iwonga lokuba ziilwimi ezisemthethwethi njengesiNgesi nesiAfrikansi. Kufanelekile ke ngoko ukuba ngoku iimfuno zolwimi zabemi bonke zihoywe. Ngenxa yoko, ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kwisiXeko saseKapa kuye kwabaluleka kakhulu. Ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kulikhonkco elibalulekileyo ekwakheni ubudlelwane nokuhlalisana kakuhle koluntu, ekusekeni izixeko apho kungekho mntu ushiywa ngaphandle khona, nezikhuthaza ubambano nomanyano ngokumandla. Noko kunjalo, indlela egwenxa ekwenziwa ngayo iinguqulelo ezisuka kwisiNgesi ukuya kwisiXhosa kwiibhodisalathisi, idiza ngokumhlophe ukuba zisathe gqolo izivubeko kwicala lolwimi. Uninzi lweebhodisalathisi zikawonkewonke kwisiXeko saseKapa, zibonakala ziinkone ziimposiso kwaye zilahlekisa. Lo msebenzi wophando ugrumba uze uhlalutye iingcambu zezi mposiso. Umnqweno ngowokuba okufunyenwe kolu phando kukhanyise kubeke elubala konke malunga nezi ngxaki kuguqulelolwimi oluya kwisiXhosa – njengomba wokuba oku kungakhathali akunakuthathwa kancinane, kuba kubonisa ukunyhashwa
dc.identifier.urihttps://hdl.handle.net/10566/16318
dc.language.isoen
dc.publisherUniversity of the Western Cape
dc.titleIndima yeeNdlela zokuCinga ngoLwimi, neNdlela olusetyenziswa ngayo kuGuqulelo oluya kwisiXhosa kwiSixekokazi seKapa neendawo ezisingqongileyo
dc.typeThesis

Files

Original bundle
Now showing 1 - 1 of 1
Loading...
Thumbnail Image
Name:
ntwana_phd_art_2023.pdf
Size:
8.12 MB
Format:
Adobe Portable Document Format
License bundle
Now showing 1 - 1 of 1
No Thumbnail Available
Name:
license.txt
Size:
1.71 KB
Format:
Item-specific license agreed upon to submission
Description: