Indima yeeNdlela zokuCinga ngoLwimi, neNdlela olusetyenziswa ngayo kuGuqulelo oluya kwisiXhosa kwiSixekokazi seKapa neendawo ezisingqongileyo
Loading...
Date
2023
Authors
Journal Title
Journal ISSN
Volume Title
Publisher
University of the Western Cape
Abstract
Njengenxalenye yoko kubhalwa kokusingqongileyo, iibhodisalathisi zidlala indima
ebalulekileyo ekudluliseni ulwazi okanye ekukhumbuzeni abo bazifundayo ngezinto
eziyimfuneko. Ukusukela ngowe-1994 uMzantsi Afrika uthathe igxathu elibonakalayo
ukungciba iintanda zexesha langaphambili. Iilwimi zabaNtsundu ezazingaselwe so
ngaphambili, kuye kwafuneka ukuba zithathelwe ingqalelo njengezibalulekileyo nazo,
zinikwe iwonga lokuba ziilwimi ezisemthethwethi njengesiNgesi nesiAfrikansi.
Kufanelekile ke ngoko ukuba ngoku iimfuno zolwimi zabemi bonke zihoywe. Ngenxa
yoko, ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kwisiXeko saseKapa kuye kwabaluleka kakhulu.
Ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kulikhonkco elibalulekileyo ekwakheni ubudlelwane
nokuhlalisana kakuhle koluntu, ekusekeni izixeko apho kungekho mntu ushiywa
ngaphandle khona, nezikhuthaza ubambano nomanyano ngokumandla. Noko kunjalo,
indlela egwenxa ekwenziwa ngayo iinguqulelo ezisuka kwisiNgesi ukuya kwisiXhosa
kwiibhodisalathisi, idiza ngokumhlophe ukuba zisathe gqolo izivubeko kwicala lolwimi.
Uninzi lweebhodisalathisi zikawonkewonke kwisiXeko saseKapa, zibonakala ziinkone
ziimposiso kwaye zilahlekisa. Lo msebenzi wophando ugrumba uze uhlalutye iingcambu
zezi mposiso. Umnqweno ngowokuba okufunyenwe kolu phando kukhanyise kubeke
elubala konke malunga nezi ngxaki kuguqulelolwimi oluya kwisiXhosa – njengomba
wokuba oku kungakhathali akunakuthathwa kancinane, kuba kubonisa ukunyhashwa