Uhlahlubonzulu lwempophomobuciko yale mihla kwiinoveli zesiXhosa: ‘ukhozi olumaphiko, umlimandlela, Inkululeko Isentabeni nolibambe lingatshoni’

dc.contributor.advisorMokapela, Sebolelo
dc.contributor.authorDiko, Mlamli
dc.date.accessioned2024-08-07T08:12:31Z
dc.date.accessioned2024-10-30T09:20:21Z
dc.date.available2024-08-07T08:12:31Z
dc.date.available2024-10-30T09:20:21Z
dc.date.issued2023
dc.descriptionPhilosophiae Doctor - PhDen_US
dc.description.abstractKule ngxoxobunzululwazi kujoliswe ekubhentsiseni nasekudundubaliseni ukuchana kwezithako zesiXhosa nasekugqwesiseni iinoveli ezine zikaNcedile Saule kuxhathiswe ngemixholo ethe yachongwa. Ubuthumbu nobunto bobu bunzululwazi bophando bugxile kwezi noveli: Ukhozi Olumaphiko (1996a), Umlimandlela (1998), Inkululeko Isentabeni (2010) kunye noLibambe Lingatshoni (2017). Eyona nto inyuswa njengenqontsonqa eyingxubakaxaka ekufuneka idandalazisiwe ziintsingiselo ezithe zasitheliswa ngumsunguli wezi mbalo esebenzisa izikhali kunye nezixhobo zobhalo loncwadi lwesiXhosa. Ukuqhuba nokugwencelisa iimbonobunzululwazi kulo msebenzi, kubethelelwa into ethi, kukho ingcinga ephosayo neyalatha ukuba isiXhosa jikelele siphala ngencwina ekuqabeliseni imiba yentlalo, yoqoqosho, yepolitiki, yembali kunye nomthetho. Ukanti kwelinye icala, le ngcinga iyawanyevulela amaXhosa ide idlulele ekubeni iyixangxathe inkcubeko, amasiko kunye nezithethe zomthonyama. Ayipheleli nje apho, ihamba iyibeke elubala into yokuba isizwe saseAfrika sasithwabathwabaza kwisithokothoko sobumnyama apho kwakungekho mthetho namkhondo khona. Apha kolu phandonzulu, ndizama ukukhaba ngawo omane ezi ngcinga nezi zimvo zithuka zikwanyevulela isizwe sabaNtsundu ukuze babe zizicamba zokuxangxathwa ngabo bezinye izizween_US
dc.identifier.urihttps://hdl.handle.net/10566/16482
dc.language.isoenen_US
dc.publisherUniversity of the Western Capeen_US
dc.rights.holderUniversity of the Western Capeen_US
dc.subjectUhlahlubobunzululwazien_US
dc.subjectimixholoen_US
dc.subjectisiXhosaen_US
dc.subjectiinovelien_US
dc.subjectizithakoen_US
dc.titleUhlahlubonzulu lwempophomobuciko yale mihla kwiinoveli zesiXhosa: ‘ukhozi olumaphiko, umlimandlela, Inkululeko Isentabeni nolibambe lingatshoni’en_US

Files

Original bundle
Now showing 1 - 1 of 1
Loading...
Thumbnail Image
Name:
diko_arts_phd_2023.pdf
Size:
2.08 MB
Format:
Adobe Portable Document Format
License bundle
Now showing 1 - 1 of 1
No Thumbnail Available
Name:
license.txt
Size:
1.71 KB
Format:
Plain Text
Description: