Izakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esixhoseni

dc.contributor.authorXakatha, Bonke
dc.date.accessioned2026-06-09T10:19:21Z
dc.date.available2026-06-09T10:19:21Z
dc.date.issued2021
dc.description.abstractOlu phando lwahlula-hlulwe lwanezahluko ezintandathu. Zonke ezi zahluko ziqulathe okubalulekileyo malunga nokuveza izakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esiXhoseni. Isahluko sokuqala siqulathe intshayelelo, iinjongo zophando, intsusa-mabandla kwakunye nenkqubo oluza kuqhuba ngayo uphando equka umda kwakunye nendlela oluhlelwe ngayo. Isahluko sesibini sigxile kwiingcingane zobugcisa (ithiyori) ezintathu ezisetyenzisiweyo ezithi zincedise ukuxhasa kwanokuveza eyona mvelaphi yophando. Oku kuthi kudandalaziswe elubala ngokunika iingqwalasela kuluncwadi olukhoyo olumalunga neembongi zomthonyama ngokuthe gabalala. Isahluko sesithathu sinika engqwalasela ngokukhethekileyo kwimibongo emihlanu engabantu, apho kubo bambi bazinkokheli zopolitiko. Umbongo ngamnye uvelelwa intsusa-mabandla yawo kwanamabakala awo kuze kulandele uhlalutyo. Kwakuso esi sahluko kuthi kunikwe inkcazelo malunga nezixhobo okanye izangotshe zolwimi ezithile ezithi zifumaneke kuhlalutyo. Isahluko sesine sigxile kwimibongo emihlanu engendalo engengobantu, umzekelo; imilambo, ilanga, njalo-njalo. Nakuso esi isahluko kuqala kunikwe ingqwalasela kwimvelaphi okanye intsusa-mabandla yombongo ngamnye kuze kulandele amabakala ombongo kwakunye nohlalutyo. Kwesesihlanu isahluko kukwa landelwe le nkqubo yezinye izahluko, kodwa kuyo kungxilwe kwimibongo emihlanu engemiba yabantu ekuhlaleni. Isahluko sesithandathu luqukumbelo, kuze emva kwalo kulandele imithombo yolwazi kwakunye nemibongo yonke ihlalutyiweyo kuphando Iimbongi zomthonyama zibonakala zinesakhono esikhethekileyo sokusebenzisa ulwimi lwesiXhosa. Olu phando lujolise ekuvezeni nzulu ezo zakhono zolwimi zifumana zisetyenziswa zimbongi zomthonyama.
dc.identifier.urihttps://hdl.handle.net/10566/23166
dc.language.isoother
dc.publisherUniveristy of the Western Cape
dc.subjectZopolitiko
dc.subjectNtshayelelo
dc.subjectKwiingcingane zobugcisa
dc.subjectEngendalo
dc.titleIzakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esixhoseni
dc.typeThesis

Files

Original bundle

Now showing 1 - 1 of 1
Loading...
Thumbnail Image
Name:
xakatha_m_art_2021.pdf
Size:
1.68 MB
Format:
Adobe Portable Document Format

License bundle

Now showing 1 - 1 of 1
Loading...
Thumbnail Image
Name:
license.txt
Size:
1.71 KB
Format:
Item-specific license agreed upon to submission
Description: