Uphendlo lwemiba yentetho enentiyo ngokwesini kuncwadi oluchongiweyo lwesiXhosa, njengento ebonisa ukucalulwa kwamabhinqa nokunyhashwa kwamalungelo awo njengabantu
| dc.contributor.author | Xhaka, Bathandwa | |
| dc.date.accessioned | 2026-07-01T11:05:42Z | |
| dc.date.available | 2026-07-01T11:05:42Z | |
| dc.date.issued | 2024 | |
| dc.description.abstract | EMzantsi Afrika nakumanye amazwe ehlabathi, ukuthetha ngokukhululekileyo kuvumelekile. Le nkululeko yokuzityanda igila ke, yenye yeendlela ezibonisa neziqinisekisa ukukhululeka ebantwini. Noko kunjalo, leyo asinto eyenziwa nje nakanjani nevuleleke gabalala ngokungenamida. Ibekiwe imiqathango eyimfuneko ukuthintela ukunyhashwa kwamalungelo abantu nenkululeko yabo. Sele lunabile uphando olwenziweyo malunga nalo mba ehlabathini jikelele, nolubonisa ukuba elirhamncwa liyintetho enentiyo liziveza ngeendlela ngeendlela kwiindawo neenkcubeko ezahlukeneyo. Iinkcubeko ezininzi zineentetho okanye izaci ezingabonakali njengezinganomonakalo eziwenzayo emntwini, kungenjalo ezibungozi kwabo zibhekiswa kubo. Kwinkcubeko yesiXhosa, ide yanokuqheleka nokwamkeleka okuthile into yeentetho ezisetyenziswa zijoliswe kwisini esithile, ntetho ezo zisinyhashayo isidima namalungelo abanye abantu. Ezinye zezi ntetho zibonwa njengamatyontyelo abonisa ukubukwa kwalowo kubhekiswa kuye, njengokukhwazwa kwalo ‘Dudlu ntombazana’, ngabafana xa kudlula intombi. Noxa le nto ibonwa njengeqhelekileyo neyamkelekileyo, kodwa iyasichaphazela isidima namalungelo ebhinqa njengomntu. Ezi ntetho zinendelelo nentiyo ezijolise kwisini esithile ziquka izihlekiso ezenziwa malunga nesini esithile; amagama okanye amabinzana avusa umnyele, akhuthaza nabonisa ukusijongela phantsi isidima somnye umntu, namenza lowo kubhekiswa kuye azive emncinci kwaye enyelisekile okanye esoyika; kwanamagama abonisa ukungawakhathaleli amalungelo abanye abantu, amenza azibone enobunganga lowo uwasebenzisayo. NgokukaEckert noMcConnell-Ginet (2003) le ntetho inentiyo ngokwesini, ibonisa ukuzityanda igila okungenamida, okungakhuselwanga nokungalawulwa yimiqathango, nto ke leyo ethi inyhashe inyathele kumalungelo abanye abantu. Njengoko le meko yentetho enentiyo ixulushiwe ngabaphandi kwiinkalo ngeenkalo, injongo yalo umsebenzi wophando kukuvelela indlela ukusetyenziswa kwayo kumabhinqa okwalatha ngayo ukucalulwa kwawo, nokunyhashwa kwamalungelo awo njengabantu. Oku kuya kwenziwa ngokuphedlwa kuhlalutywe amabali achongiweyo esiXhosa: Ingqumbo yeminyanya, uBuzani kuBawo, uNathi Singabantu, uInene nasi isibhozo, uInkawu idliw’ilila, uUkuqhawuka kwembeleko, kwakunye nelo lithi Inzala kaMlungisi. | |
| dc.description.sponsorship | N/A | |
| dc.identifier.citation | N/A | |
| dc.identifier.uri | https://hdl.handle.net/10566/24802 | |
| dc.language.iso | other | |
| dc.publisher | University of the Western Cape | |
| dc.relation.ispartofseries | N/A | |
| dc.subject | Intetho enentiyo ngokwesini | |
| dc.subject | Amalungelo abantu | |
| dc.subject | Inkululeko yokuthetha | |
| dc.subject | Ububhinqa | |
| dc.subject | Ucalucalulo | |
| dc.title | Uphendlo lwemiba yentetho enentiyo ngokwesini kuncwadi oluchongiweyo lwesiXhosa, njengento ebonisa ukucalulwa kwamabhinqa nokunyhashwa kwamalungelo awo njengabantu | |
| dc.type | Thesis |