Usungulo lwenkqubo yeziqulatho zevidiyo nemixholo yesifundo seKhemistri ngolwimi lwesiXhosa.

Loading...
Thumbnail Image

Date

2025

Journal Title

Journal ISSN

Volume Title

Publisher

University of the Western Cape

Abstract

Eyona njongo iphambili yolu phando kukusungulwa kwenkqubo yeziqulatho zesifundo seKhemistri ngolwimi lwesiXhosa. Ekwenzeni njalo, olu phando luzakwenza uguqulolwimi lweziqulatho zevidiyo kwanemixholo yesifundo seKhemistri ukusukela kulwimi lwesiNgesi ukuya kulwimi lwesiXhosa ngeenjongo zokuzenza zifumaneke kubafundi abantetho yabo isisiXhosa, bezifumana ngolwimi lwabo lwemveli. Ngelilungiselela ungqamanongqo (ulingano) kuguqulolwimi, iifankshinalisti ezifana noVemeer (1996) kwingcingane yakhe ye‘Skopos’ ziphakamisa uluvo lokuba, ‘uguqulolwimi ngalunye lunenjongo elifuna ukuyiphumeza, kwaye ngesizathu sokuba iilwimi ezi zinendima ebalulekileyo ezithi ziyidlale kwiinkcubeko zazo, uguqulolwimi kufaneleke ngoko ukuba lubonwe okanye luthathwe njengoku- “tshintshiselana ngeenkcubeko’. Olu phando, ngokukhokelwa sisihloko kwaneenjongo zalo luqhutywe ngokusebenzisa izixhobo eziquka ulwazi olutsha, olube ludliwanondlebe kumakhasi omoya phakathi komphandi kunye neengcali ezingabahlohli kwisiza seKhemistri nesebe leInformation Systems zeYunivesithi yaseNtshona Koloni. Umphandi ngokwakhe, ‘ubesesinye sezixhobo ezibalulekileyo ekucholacholeni ulwazi’, Miles noHuberman (1940: 40). Uphando lusebenzise nolwazi olusele lukhona (uphando lwaseDesikeni). NgokukaSimelane (2014: 29) ulwazi olusele lukhona, ‘lulwazi olusele luqokelelwe lwadityaniswa lwaze lwashicilelwa ngalo naluphi na uhlobobo loncwadi’. Imithombo yolu phando kolu hlobo lolwazi ibe yiManyuwali yesifundo seKhemistri (iKhemistri 114/116), iziqulatho zevidiyo ezingemixholo yesi sifundo sonyaka wokuqala kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni, iiJenali kwaneeNcwadi zoguqulolwimi.

Description

Keywords

Uguqulolwimi, iKhemistri, isiXhosa, iForeyinazeyishini, iDomestikheyishini

Citation