Magister Artium - MA (Xhosa)
Permanent URI for this collection
Browse
Browsing by Subject "Indlela yangaphakathi"
Now showing 1 - 1 of 1
Results Per Page
Sort Options
Item Umba wongqamano-ngqo kuguqulo-lwimi kwiincwadi zikaSindiwe Magona: �Kubantwana Babantwana Bam� kwakunye no- �To My Children�s Children�.(University of Western Cape, 2020) Mxunyelwa, Dalutando Maxwell; Mokapela, SUguqulo-lwimi lwalungathathelwa ngqalelo kakhulu kuba lwalusetyenziselwa ukufezekisa iinjongo ezithile kuba ubani lowo ezazi iilwimi ezo. Injongo yayikukugqithisa umyalezo wombhalo wolwimi oluguqulwayo/ lwemveli. Ungothuki, mfundi xa kusetyenziswe elinye igama, umzekelo umbhalo wolwimi oluguqulwayo sizakuthi yi-ST, gama elo elisukela kushunqulelo lwesiNgesi u-Source Text. Wona umbhalo wolwimi ekuguqulelwa kulo/ekubhekiswa kulo yi-TT, osukela kushunqulelo lwesiNgesi u-Target Text. Izifundo zoguqulo-lwimi zikhule ngokumandla kwaye zinike umdla omkhulu kwiingcali. Phakathi kwezinye iingcali kungabalulwa uVermeer (1989) oweza nethiyori ekuthiwa siSkoposi. UVermeer ungomnye phakathi kwezinye iingcali ezathatha uguqulo-lwimi njengomsebenzi (function). Uthi, umsebenzi ngamnye uphenjelelwa yinjongo. Kulapho ezinye iingcali zathathela khona ziveza iziseko ezisemthethweni zoguqulo-lwimi ngokomsebenzi.