Mokapela, SeboleloDiko, Mlamli2024-08-072024-10-302024-08-072024-10-302023https://hdl.handle.net/10566/16482Philosophiae Doctor - PhDKule ngxoxobunzululwazi kujoliswe ekubhentsiseni nasekudundubaliseni ukuchana kwezithako zesiXhosa nasekugqwesiseni iinoveli ezine zikaNcedile Saule kuxhathiswe ngemixholo ethe yachongwa. Ubuthumbu nobunto bobu bunzululwazi bophando bugxile kwezi noveli: Ukhozi Olumaphiko (1996a), Umlimandlela (1998), Inkululeko Isentabeni (2010) kunye noLibambe Lingatshoni (2017). Eyona nto inyuswa njengenqontsonqa eyingxubakaxaka ekufuneka idandalazisiwe ziintsingiselo ezithe zasitheliswa ngumsunguli wezi mbalo esebenzisa izikhali kunye nezixhobo zobhalo loncwadi lwesiXhosa. Ukuqhuba nokugwencelisa iimbonobunzululwazi kulo msebenzi, kubethelelwa into ethi, kukho ingcinga ephosayo neyalatha ukuba isiXhosa jikelele siphala ngencwina ekuqabeliseni imiba yentlalo, yoqoqosho, yepolitiki, yembali kunye nomthetho. Ukanti kwelinye icala, le ngcinga iyawanyevulela amaXhosa ide idlulele ekubeni iyixangxathe inkcubeko, amasiko kunye nezithethe zomthonyama. Ayipheleli nje apho, ihamba iyibeke elubala into yokuba isizwe saseAfrika sasithwabathwabaza kwisithokothoko sobumnyama apho kwakungekho mthetho namkhondo khona. Apha kolu phandonzulu, ndizama ukukhaba ngawo omane ezi ngcinga nezi zimvo zithuka zikwanyevulela isizwe sabaNtsundu ukuze babe zizicamba zokuxangxathwa ngabo bezinye izizweenUhlahlubobunzululwaziimixholoisiXhosaiinoveliizithakoUhlahlubonzulu lwempophomobuciko yale mihla kwiinoveli zesiXhosa: ‘ukhozi olumaphiko, umlimandlela, Inkululeko Isentabeni nolibambe lingatshoni’University of the Western Cape