Department of Xhosa
Permanent URI for this community
Browse
Browsing by Author "Kaschula, R.H."
Now showing 1 - 1 of 1
Results Per Page
Sort Options
Item Indima yeeNdlela zokuCinga ngoLwimi, neNdlela olusetyenziswa ngayo kuGuqulelo oluya kwisiXhosa kwiSixekokazi seKapa neendawo ezisingqongileyo(University of the Western Cape, 2023) Ntwana, Thenjiswa; Kaschula, R.H.Njengenxalenye yoko kubhalwa kokusingqongileyo, iibhodisalathisi zidlala indima ebalulekileyo ekudluliseni ulwazi okanye ekukhumbuzeni abo bazifundayo ngezinto eziyimfuneko. Ukusukela ngowe-1994 uMzantsi Afrika uthathe igxathu elibonakalayo ukungciba iintanda zexesha langaphambili. Iilwimi zabaNtsundu ezazingaselwe so ngaphambili, kuye kwafuneka ukuba zithathelwe ingqalelo njengezibalulekileyo nazo, zinikwe iwonga lokuba ziilwimi ezisemthethwethi njengesiNgesi nesiAfrikansi. Kufanelekile ke ngoko ukuba ngoku iimfuno zolwimi zabemi bonke zihoywe. Ngenxa yoko, ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kwisiXeko saseKapa kuye kwabaluleka kakhulu. Ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kulikhonkco elibalulekileyo ekwakheni ubudlelwane nokuhlalisana kakuhle koluntu, ekusekeni izixeko apho kungekho mntu ushiywa ngaphandle khona, nezikhuthaza ubambano nomanyano ngokumandla. Noko kunjalo, indlela egwenxa ekwenziwa ngayo iinguqulelo ezisuka kwisiNgesi ukuya kwisiXhosa kwiibhodisalathisi, idiza ngokumhlophe ukuba zisathe gqolo izivubeko kwicala lolwimi. Uninzi lweebhodisalathisi zikawonkewonke kwisiXeko saseKapa, zibonakala ziinkone ziimposiso kwaye zilahlekisa. Lo msebenzi wophando ugrumba uze uhlalutye iingcambu zezi mposiso. Umnqweno ngowokuba okufunyenwe kolu phando kukhanyise kubeke elubala konke malunga nezi ngxaki kuguqulelolwimi oluya kwisiXhosa – njengomba wokuba oku kungakhathali akunakuthathwa kancinane, kuba kubonisa ukunyhashwa